




Xa ufuna igama likaNksk. Smith encwadini yeenombolo kufuneka ndityhile kwiphepha elinamagama 
Ngaba ulifumene igama elithi Smith? Baninzi ooSmith. Ukuze ufumane omfunayo kufuneka wazi igama Iakhe lokuqala. Kufuneka ufumane nedilesi 
,
UMSEBENZI l
Ungalandelanisa la magama kuze avele kwiincwadi yeenombolo
zomnxeba elandelana kakuhle:
1. Dlamini; Mvubu; Vula;
Hlatswayo; Xulu; Sibusi; Fanele
2. S. Dlamini; N. Dlamini; P.
Ndlovu; Z. Khumalo; A. Nzimande; T Ndlovu; z. Dlamini
UKUFUNDA UKUBHALA
NOKUFUNDA
Ukujonga ilnombolo zomnxeba
UNksk Smith ufuna ukuba oza kuncedisa kwishishini Iakhe. UNobuhle uyiiahlile inombolo yakhe kodwa uyawufuna umsebenzi. Ufanele athini?
UNobuhle unokujonga inombolo kaNksk. Smith kwincwadi yeenombolo zomnxeba. Masenze oko inqanaba ngenqanaba:
ltelephone directory ibhalwe ngokulandelana koonobumba. Jonga aba nobumba balandelayo:
ABCDCEFGHIJKLMN
OPQRSTUVWXYZ.
Ukulandelana kwaba nobumba kuthetha ukuba uMandela uya kuba ngaphambi kukaNdlovu. Oko kubangelwa kukuba uM uphambi kukaN koonobumba.

Uyabona ukuba maninzi amagama abantu aqala ngo-S. Xa kunjalo uya kuncedwa ngunobumba wesithathu ukuze ufumane igama olifunayo

Amagama okuqala nawo abhalwe ngokulandelana koonobumba. Igama likaNksk. Smith nguTrudie. Masijonge ngaphatsi kuka-T.
Ngoku simfunene uTrudie! Masithembe ukuba uNobuhle uza kuwufumana umsebenzi







Ukusebenzisa ifowuni
Ngoku siyifumene inombolo kaNksk. Smith, masimfowunele. Ukusebenzisa ifowuni kulula. Kodwa kufuneka uziqhelise. Oku kuza kusinceda sifumane iingcombolo okanye ufumane ngemisebenzi.
Receptionist:	Molweni. KukwaSmiths Takeaway. Ndingakunceda?
Nobuhle:	Ngaba ndingamfumana uNksk. Smith?
Receptionist:	Akakho, usaphumile okwangoku. Ungawushiya umyalezo?
Nobuhle:	Kulungile. Ndive ukuba ufuna umntu oza kuncedisa kwishishini takhe. Ndifuna ukwenza isicelo. Ndingaphinda ndifowune nini?
Receptionist:	Ngentsimbi yesi-5. Shiya igama lakho nenombolo.
Nobuhte:	lgama lam ndinguNobuhle Hlatshwayo. Unokunditsalela kule nombolo 33454.
Receptionist:	Mandiyiphinde igama. NdinguNobuhle Hlatshwayo. lnombolo ithi 33453.
Nobuhle:	Hayi inombolo ithi 33454. Enkosi. Usale kakuhle.
Receptionist:
Kamnandi.
;abafundi Abatsha
Umsebenzi 2






Abafiindi Abatsha
UKUFUNDA UKUBA
NOKUFUNDA
IYellow Pages
ITV kaNana yophukile. Ufuna ilungiswe. Akayazi igama lenkampani lenkampani ekufuneka ayise kuyo. Oko kuthetha ukuba akanakulijonga igama layo kwitelephone directory. Unokulifumana phi ivenkile elungisa iTV?

Olu uhlobo lweencwadi
yeenombolo zomnxeba
UNana kufuneka afumane iYellow Pages. Ukhe uyibone iYellow Pages? Unokuyifumana nakumaphepha angasemva etelephone directory. Kodwa kwiidolophu ezinkulu, iYellow Pages idla ngokwahlukana.

Yahluke ngantoni iYellow Pages kwitelephone directory? ltelephone directory ikunika inombolo zabantu obaziyo. Yellow Pages ikunika amagama eenkampani ongazaziyo.

Ngaba sithetha ntoni ngoku? UNana uneTV eyonakeleyo kodwa akazazi iindawo ezilungisa oomabonakude. Usebenzisa iYellow Pages ukufumana igama nenombolo yomnxeba.

Ukunceda uNana
Kuqala uNana kufuneka azi into ekufuneka ayijonge. lYellow pages inamagama eenkampani ezahlukeneyo. Ezi nkampani zibekwa ndawonye ngokomsebenzi eziwenzayo. linkampani ezilungisa iifriji, zidweliswe phantsi kwegama elithi fridge, iindawo ezilungisa iinwele zidweliswe phantsi kwegama elithi hairdressing.

Ngaba inokulungiswa phi ITV kaNana? Ukuze afumane inkampani iYellow Pages nayo ibhalwe ngokulandelelana koonobumba. Wakuyazi into ofuna ukuyijonga, kutula ukuyifumana.
Umsebenzi 3
1.	UBruno uya eGauteng. Ufuna inkampani eza kuthwala impahla yakhe. Ufanele ajonge phi kwiYellow Pages? Ngaba ungamfumanela inkampani enokuthwala impahla yakhe?

2.	UBusi ufuna ukucocelwa iofisi yakhe. Ufanele ajonge ntoni kwiYellow Pages? Ngaba kukho inkampani oyaziyo enokumnceda?




Kubhale uUna Seery. Kwatota ually iies



iihotele neeholide



IMISEBENZI
Abafundi abaza kuphuma esikolweni kulo nyaka kunokwenzeka ukuba
abakazi nokuba bakhethe imisebenzi ebafaneleyo na. Ngaba
wakhe wacinga ngokusebenza ehotele? Mininzi imisebenzi onokukhetha kuyo ehotele -ukususela ekubeni yiReceptionist kuse ekubeni ngumpheki. UTyhila
Ufunde ukunika imisebenzi
onokukhetha kuyo.


kuthethwa ngehotele yintoni ethi qatha kuqala engqondweni yakho? Abantu abaninzi bacinga ngeeholide nangolonwabo. Ngaba ukhe ucinge ngamawa-waka abantu abasebenza kwiihotele?

Cinga ngemini owagqibela ngayo ukuya ehotele. Usenokuba wawuyele ukuyosela okanye utyelele umhlobo wakho. Cinga ngabasebenzi owadibana nabo mhla wawuye khona. Uyamkhumbula umntu owakuvulela ucango, umthengisi wotywala ebharini nomtendi owakuzisela ukutya?

KuIe nyanga uTyhila Ufunde uqwalasela abanye abantu abangadli ngakubonakala ehotele. Abo bantu ngabapheki, abaphathi bamatheko neereceptionist zasehotele. Siqwalasela imisebenzi abayenzayo, abantu abadibana nabo neeyure abazisebenzayo. Nguwe onokuzenzela isigqibo -ngaba ngumsebenzi okufaneleyo lo?
Ukuba ngumpheki
UNigel  noPhineas bangabapheki benkampani elungisa ukutya. Basebenza yonke imihla, kanti maxa wambi basebenza de kuhambe ubusuku, bepheka ukutya kwamatheko ahlukeneyo. Lo msebenzi usenokuba nzima kodwa bawenza ngempumelelo bona.

Ndasenza ndisemncinane isigqibo sokuba ndibe ngumpheki. Ndandincedisa umama ekuphekeni. Kwakupheka mna xa engekho ekhaya, utshilo uPhineas.

Ndathi ndakuphumelela iMatriki ndaceba ukuba ndiyoqeqeshelwa ubutitshala. Apho ndeva ngokuqeqeshelwa ukuba ngumpheki. Ndaqonda ukuba umnandi umsebenzi wokuba ngumpheki. Ukuba ngumpheki kum kufana nokuzinikela.

UNigel naye uthetha into efanayo. Ndikhumbula ngenye imini ndisiva umntu esithi Xa ufumana umsebenzi omhle, akukho mfuneko yokuba ufune omnye umsebenzi. Ndiwubona ngolo hlobo umsebenzi wokuba ngumpheki.
Yinto eyenza ube mnandi umsebenzi wokuba ngumpheki? Abapheki abaninzi bathi ukupheka kukunika amandla okuyila. Bubuchule ukutya okuphekayo nendlela okuphaka ngayo. Enye into ukunconywa ngabantu okufumanayo kukwenza ungazikhaleli iiyure ezinde ozisebenzayo.

Icebiso
UPhineas noNigel bacebise ukuba xa ufuna ukuba ngumpheki kufuneka uqale uziqhelise. Zaba ukufumana umsebenzi wokuba ngumtendi okanye umncedi wabathenga kwivenkile yokutya. Oko kukunika amava okusebenza nabantu nokutya.

Kufuneka ufunde iscience, ihome economics nemaths esikolweni. Uya kuzisebenzisa yonke imihla ezo zifundo ekhitshini. utshilo uNigel.

Ngoko ukuba ufuna umsebenzi oxakekisayo, ukwenze ngexesha ukutya - wuthabathe umsebenzi wokuba ngumpheki.



		BONA XHOSA - November 1996 7

	Esi sihlomelo sibhalwe kwiphepha esiliphiwe ngabakwaMondi Paper

	AbakwaMondi Paper bavuyisana neBona nioko tsa abatuntli iminyaka engama-40

